Xhosa Luke 2:1-20

Ke kaloku kwathi ngaloo mihla, kwaphuma ummiselo kuKesare Awugusto othi, malibhalwe encwadini yomlibo wokuzalwa lonke elimiweyo. Olo lubhalo lwaba lolokuqala, akubon' ukuba uKireniyo uyirhuluneli yeSiriya. Babesithi bonke baye kubhalwa, athi elowo aye kowakowabo umzi. Wenyuka ke noYosefu, evela kwelaseGalili, kumzi oyiNazarete, waya kwelakwaYuda, emzini kaDavide, ekuthiwa yiBhetelehem, ngenxa yokuba ebengowendlu kaDavide, engowemizalwane yakhe; esiya kubhalwa, enoMariya, umfazi lowo wayemganelwe, selekhulelwe. Ke kaloku kwathi, xa bakhona, yazaliseka imihla yokuba azale. Wamzala unyana wakhe wamazibulo, wamsongela eziqhiyeni, wamlalisa emkhumbini wesitali, ngenxa enokuba babenganandawo endlwini yabahambi. Kwaye kukho abalúsi kwakwelo lizwe, behlala ezindle, belinda ebusuku imihlambi yabo. Babona ngesithunywa seNkosi simi phezu kwabo, bathi nobuqaqawuli beNkosi bababengezelela ngeenxa zonke; besuka boyika ngokoyika okukhulu. Isithunywa eso sathi kubo, Musani unoyika; kuba, yabonani, ndinishumayeza iindaba ezilungileyo zovuyo olukhulu, oluya kuba kubo bonke bantu; ngokuba nizalelwe namhlanje emzini kaDavide uMsindisi, onguKristu iNkosi. Nantsi ke into eyoba ngumqondiso kuni: nofumana lusana lusongelweyo ezqhiyeni, lulele emkhumbini wesitali. Kwabakho ngesiquphe, ndawonye nesithunywa eso, inkitha yomkhosi wasemazulwini, idumisa uThixo, isithi, Uzuko kuThixo enyangweni, Uxolo emhlabeni, Inkolelo ebantwini. Kwathi ke, zakumba kubo izithunywa zisiya emazulwini, abantu abo abalusi bathi omnye komnye, Masesihamba sisiya eBhetelehem apho, siyibone le nto ihlileyo, esiyazisiweyo yiNkosi. Beza ngobungxamo, bamfumana uMariya, kwanoYosefu, nalo usana lulele emkhumbini wesitali. Bathi ke, bakubona, balibhengeza ilizwi elabe lithethwe kubo ngaye lo mntwana. Bathi bonke abo bevayo, bamangaliswa zezo zinto zabe zithethwe kubo ngabalusi. Waye ke uMariya ezigcina zonke ezi zinto eziguquguqula entliziyweni yakhe. Babuya abalusi, bemzukisa bemdumisa uThixo, ngenxa yazo zonke izinto ababezivile nababezibonile, njengoko kwabe kuthethiwe kubo.